









BONA XHOSA - May 1996 57



Yangomso
Nyanga yeknorrox neBona
UPatrick Mzwanele Mazula yimbethi-manqindi ekudidi lwabahlawulwayo ephantsi kweSouthAfrican National Boxing Control Board (SANBCB). Unethemba lokuba uza kuba yiKnorrox/Bona Sportstar of The Future!





U
 PATAICK Mzwanele Mazula
ebesoloko enqwenela ukuba yimbethi-manqindi ehiawulelwayo kwaye kungokure amaphupha akhe afezekile.
UngowaseMotherwett eBhayi
kwaye ufunda eJames Jolobe
Senior Secondary School.
Ngoku wayeseyimbethi-manqindi engahlawulelwayo wakufeza konke okwakulindeleke kuye waza wayehiawulelwayo. Kuninzi lwakufezileyo kubandakanywa ukuzuza kwakhe iidiploma neendebe.
Ngoku ungomnye weembethi-manqindi zaseMzantsi Afrika phantsi kweSouth African Nationai Boxing Control Board (SANBCC).




U-Arthuv Vuvuze!a noMabrr Brenda Fassie. Kulo mfanekiso bashicilele icwecwe elithi, Iimuntu Uyatshintsha Umfanekiso ngu-CJ.
y
UBob Mabena: Umsasazi kamabonakudE1 noweTalk Show yeRadio Metro. Ndinqwenela ukuhlangana naye ngenye imini umabena. Umfanekiso nguCJ.





Ngegazi !emvana - uRebecca Malope esekhaya. Mna ndimbona uMalope engumongikazi kuba xa use!usizini uyayixolisa int!iziyo yakho. Ndiyamthanda uMalope nomculo wakhe kwaye andlwuthandi ndiyafa umculo wevange!i. Umfanekiso ngu-CJ.

























Incwadi
Eya Kumhleli
Nabafundi
UMogeta J.N.C.okanye uCJ
uthumele ezi foto
kunye nencwadi eya
kubo bonke abafundi
beZolutsha. Lo
mfana une-18
leminyaka ubudala usibonisa isiphiwo anaso sokuzoba ngale mizobo ayenze ngepenslle yabantu beabadumlleyo.
Ufunda ibanga esithoba eMolomoatou High, eMasemola. Nantsi eminye yemizoboyakhe nakucingayo
ngayo.

M
 andiqale ndibulele kumhleli ngokusinika eli thuba, silulutsha
olulahlekileyo kweli Iizwe lixube iintlanga, lokuba sivakalise izimvo zethu ekuyindlela yokusibophamanxeba.
Umyalezo endiwunika ulutsha lwelali yam nolwaseMzantsi-Afrika ngokubanzi ngowokuba maluziyeke izenzo  ezingalunganga luzimisele
ezincwadini zalo nakwezinye izinto ezinokulugcina luxakekile.
Ndibhale le ncwadi kuba ndixhalatyiswa linani elonyuke kakhulu lolutsha
olubhubhayo elalini yam.
Ndiyathemba ukuba ngenxa yale   mizobo luza kubona olunakoukukwenza luthi xha kwiziphithiphith nokubulalana ngaphandle kwesizathu






Umbhali womhlathi wale nyanga nguPhindiwe Irvin Mbhele waseDavidsonvllle, eRoodepoort onama-20 eminyaka ubudala. Wenza izifundo zePersonnel Management and lndustrial Relations ngembalelwano. lsihloko sale nyanga singootata aba!ahla abantwana babo kwaneengxaki ezidalwa koko eluntwini.


NDlSOLOKO ndizibuza ngendlela l abazaIi abaziva ngayo bakulahla abantwana babo. Oko ndikutsho ngenxa yabantwana abaninzi abayabula kwizitrato zaseJohannesburg bengenandawo yokulala ngokuhlwa.
Kunjalo, ndifuna ukuthetha kakhulu ngootata abalahla abantwana babo. Aba tata bayathanda ukuphika iintsana ezingekazalwa. Nokuba sele luzelwe usana utata uyakuluphika ukuba lolwakhe, nditsho nokuba lufana kangakanani na naye.
Kuluntu olumnyama oomakhulu ubukhulu becala kuye kufuneke bebakhulise ngokwabo aba bantwana bangaziwayo ootata babo. Abanye oomama, bambi belula kakhulu ukuba babe nabantwana, bashiyeka benxunguphele kungekho nto banokuyenza kangangokuba bagqibela ngokuzilahla emigqonyeni yenkunkuma okanye eziplastikhini iintsana zabo.
Ndibothulel umnqwazi oomama abomeleleyo, abathi nokuba sebephikiwe bazithande bangavumi ukuba zithotywe izidima zabo. Ndithetha ngoomama abaxolela ukuzikhulisela abantwana ngokunokwabo ngoxa ootata babantwana babo bezonwabisa ebomini bengenaso nesincinci isazela.
Uphando olusanda kwenziwa ezindabeni ludiza ukuba uninzi lwabantwana abaphelela ezintolongweni okanye ezitalatweni sukuba ingabo baphuma kumakhaya angenatata okanye abangabaziyo ootata babo.
lsizathu soku kukuba ootata ngokwesintu ngabona bantu baqeqesha abantwana, lilonke ukungabikho kwabo kuthetha ukuba akukho mntu unokubaqeqesha.
Phofu ke, abanye babantwana abakhuliswe ngoomama kuphela baba nempumelelo ebomini, babe zizinto kwaye babe ngumzekelo omhle kuluntu lwabo, ngokuchaseneyo nenkolo yabantu abaninzi. Oku kwenzeka xa umama enemali eyaneleyo okanye efundile nto leyo emnika amandla okumenzela konke okufaneleyo umntwana wakhe eyedwa
lnto embi kukuba xa sele beliphumelele ibanga labo leshumi aba bantwana, ootata babo bolahleko bayabuya benethemba lokuzixolelanisa naba bantwana kwaye badla ngokwamkelwa ngabantwana zilityalwe kwaphela ezezolo.
Kodwa ke xa uyiqwalaseta kakuhle Ie meko inokubonakala ngathi iyamngcatsha umama osokole kakhulu ezama ukuba unyana okanye intombi yakhe ibe kwindawo ekuyo.
Mna ndibona efanele utata
omphikileyo umntwana wakhe avalelwe kwezimnyama izisele kuba kaloku xa elushiyile usapho uya kuhlala nolunye usapho okanye pmntu obhinqileyo onabakhe abantwana. Oku kubonakalisa mhlophe ukuba banakho ukuzondla nezizezabo iintsapho - qha bafuna ukunyanzeliswa ukwenza oko!
Xa sewufikile umzuzu wokugqibela wokuphila, utata uye ababize abantwana bakhe afune ukuba bamxolele. Xa abantwana bemthobela uThixo baye bamxolele aze ngaloo ndlela afe eluxolweni.
Mna ndicebisa ulutsha oluyeka isikolo kuba kufuneka londle usapho ukuba malungalahl ithemba kuba uThixo wenza imimangaliso.
Xa utata wakho efe ethwel umnqwazi sukuzikhathaza, uya kubuya ngenye imini. Kwabo mama bometeleyo ndithi, uThixo anisikelele, ngelingento eli tizwe ngaphandle kwenu! 







UMhIeIi Wezabasetyhini, uPrimrose Williams, ukubhalela amanqaku
ezabasetyhini rhoqo ngenyanga.



Bhotani Bafundi! Kwiminyaka embalwa edlulileyo besinamanqaku ambalwa abasetyhini. Kodwa ngoku siwabuyisile ngenxa yokufunwa kwawo ngabantu -kwaye SILICEBELE LUKHULU ingomso!
Iwakowethu. Ngelishwa eli nyala lidla ngokwenziwa indaba yakwamkhozi -kanti eneneni akufanelanga kube njalo!
Kukho umkhwa ongaqhelekanga nobufudula ungamkelekanga ongene ngamandla emabhinqeni antsundu -ukutshaya. Manenekazi, ngaphambi kokuba nimpakuze imidiza yenu, fundani ngeengozi zokutshaya kwiphepha lama-66.
Siniphathele nokhuphiswano oluninzi eninokuzuza amabhaso angayiwayo kulo, kunye neeresipi eziluncuthu eninokuzipheka.
Xesha elimnandi!
		BONA XHOSA - May 1 996 59

		BONA XHOSA - May 1996 61

